Umasipala uyakuchila ukonakaliswa kwempahla kunye nobusela

by | Aug 11, 2025 | Media Release

Umasipala uzigxeka ngokungenalusini izenzo zobukrelemnqa zokonakaliswa kwempahla kunye nobusela obujongela phantsi ukuhanjiswa kweenkonzo kukwavalela abahlali abalandela umthetho ukuba bangafumani iinkonzo ezibafaneleyo. Kutshanje, sibone ukunyuka okoyikisayo kokonakaliswa kweziseko zophuhliso zikamasipala, ngokukodwa kwaWadi 2, eWitteklip, eVredenburg, apho ubusela beentambo zombane nokonakaliswa kwezibane zezitalato kusuke kwayinto yemihla ngemihla. Ezinye iindawo ezikuMasipala weSaldanha Bay nazo zithe zaxhatshakelwa zezi zehlo.

NgoJuni 205, uMasipala ubhalise izehlo ezili16 zokonakaliswa kakubi kwempahla, nto leyo ixabise umonakalo wamaR76,176.00. NgoJulayi 2025, besele sibone izehlo ezikhulu ezisibhozo, ezixabisa amaR65,364.00 phofu kusekho ezinye iintlobo zomonakalo ekusabalwa ixabiso lazo. Ukuza kuthi ga ngoku, iindleko ezipheleleyo zalo nyaka sezifikelele kumaR472,399.00 kwindawo yoMasipala waseSaldanha Bay. Le nkcitho ibonisa ilahleko emandla kamasipala nakubaxumi bakhe abahlawula iireyithi.

Ukonakaliswa kwempahla nobusela akupheleli nje ekulimazeni iziseko zophuhliso, koko kukwachaphazela kakubi iimpilo zabahlali kunye nabahlawuli beereyithi abaxhomekeke kwezi nkonzo. Akukho mntu ufumana nzuzo ngokuziphatha okwesikrelemnqa.

Sicela uluntu luzichase ngokubonakalayo ezi zenzo zolwaphulomthetho. Ukuba uqaphela nasiphi isenzo solwaphulomthetho, nceda usixele ngoko nangoko emapoliseni okanye kumagosa onyanzelisomthetho kamasipala. Xa sisebenza kunye, singakuthintela ukonakaliswa kwempahla sitsho sikhusele umgangatho wobomi babo bonke abahlali. Sisonke, singazigcina zilayitile izibane zezitalato; sikunye, singakhusela izitalato neendawo esihlala kuzo; sisonke, singaziva sikhuselekile kwiindawo esihlala kuzo.

Kwabo baqhuba ezi zenzo zingekho mthethweni: Anibeki nje esichengeni ukhuseleko loluntu, kodwa nikwabonisa ukungabakhathaleli tu abemi enihlala nabo. Siyigxeka kangangoko le ndlela yokuziphatha yaye siza kuqhubeka nokulandela indlela yomthetho ngakwabo bachaphazelekayo.

Masiphelise ezi zenzo ziphazamisayo. Masipheliseni ukonakaliswa kwempahla nobusela—namhlanje.

Xa ukubona, nceda ukuxele. UmNxeba wokulwa uLwaphulomthetho weSAPS 08600 10111. UmNxeba wokuNgxamisekileyo weSAPS 10111. UNyanzelisomthetho loMasipala (022) 701-6912 (ngexesha lomsebenzi) okanye (022) 701-6834 (emva kwamaxesha omsebenzi).